Uyohane 4:22-32 Ibhayibhile (XHO96)

22. Nina maSamariya ninqula eningakwaziyo. Thina maJuda sinqula esikwaziyo, kuba kakade kukwaJuda apho usindiso luphuma khona.

23. Kodwa kuza ixesha, kwaye selikho, abaya kuthi ngalo abanquli benene bamnqule ngoMoya benyanisile uBawo, kuba uBawo ufuna abantu abamkhonza ngolo hlobo.

24. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.”

25. Loo mfazi wathi kuye: “Ndiyazi ukuba *uMesiya, ekuthiwa *nguKrestu, uyeza. Wothi ke akufika asixelele konke.”

26. UYesu wathi kuye: “Nguye kanye lo uthetha nawe.”

27. Kwathi ngelo xesha bafika abafundi bakaYesu, bamangaliswa kukuba ethetha nomntu obhinqileyo. Noko akubangakho namnye owathi: “Ufuna ntoni na kuye?” okanye owathi: “Kutheni na ukuba uthethe naye?”

28. Umfazi lowo ke wayishiya ingqayi yakhe, waya edolophini, wathi ebantwini:

29. “Yizani nibone; nanku umntu ondixelele zonke izinto endakha ndazenza. Akangebi *nguKrestu na?”

30. Baphuma ke edolophini, baya kuYesu.

31. Ngeli thuba abafundi bakaYesu babembongoza besithi: “Mfundisi, nantsi into etyiwayo!”

32. Kodwa yena wathi kubo: “Mna ndinokutya eningakwaziyo nina.”

Uyohane 4