Uyohane 21:18-24 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ndithi kuwe, inene, oko ubusemtsha ubuzibhinqisa, uye apho uthanda ukuya khona, kodwa xa sewaluphele uya kuziphakamisa izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandi kuya khona.”

19. Esitsho nje uYesu, wayesalatha indlela uPetros awayeza kufa ngayo ukudumisa uThixo. Wandula ukuthi: “Ndilandèle, wena.”

20. Wakhangela ngasemva uPetros, wabona laa mfundi wayethandwa nguYesu elandela, lowa wayehleli ecaleni kukaYesu esidlweni, waza wabuza kuYesu ukuba ngubani na owayeza kumngcatsha.

21. Wathi ke kuYesu uPetros akumbona lo mfundi: “Nkosi, kuya kuthekani ngalo?”

22. Waza wathi kuye uYesu: “Ukuba ndifuna abekho ndide ndibuye, inamsebenzi mni loo nto kuwe? Ndilandèle, wena.”

23. Yathetheka ke le ntetho phakathi kwabalandeli bakaYesu, kusithiwa loo mfundi akayi kufa. Kodwa uYesu wayengatshongo kuye ukuba akayi kufa; wayethe: “Ukuba ndifuna abekho ndide ndibuye, inamsebenzi mni na loo nto kuwe?”

24. Nguye ke lo mfundi ozingqinayo ezi zinto, wazibhala nokuzibhala. Siyazi ke ukuba ubungqina bakhe buyinyaniso.

Uyohane 21