25. Apho ngasemnqamlezweni kaYesu kwakumi unina, nodade bonina, noMariya umka-Kleyopa, kunye noMariya waseMagadala.
26. UYesu akumbona unina emi kunye naloo mfundi uYesu wayemthanda, wathi kunina: “Mama, nanko unyana wakho.”
27. Waza wathi kuloo mfundi: “Nanko unyoko.” Ukususela ngelo xesha loo mfundi wamthathela emzini wakhe unina kaYesu.
28. UYesu wayesazi ngoku okokuba konke kugqityiwe ukuba kuzalisekiswe okuxelwe *eziBhalweni, waza wathi: “Ndinxaniwe.”
29. Kwakukho isitya sizele yiwayini emuncu apho, baza bathi nkxu imfunxa kuloo wayini, bayibeka engcongolweni ekuthiwa yihisopu, bayisondeza emlonyeni kaYesu.
30. Akuba eyimfimfithile iwayini uYesu wathi: “Kugqityiwe.”Wee qubudu intloko, waphuma umphefumlo.
31. Kwakungokuhlwa okwandulela *iPasika. AmaJuda ayengathandi ukuba kubekho imizimba esaxhonywe eminqamlezweni *ngoMhla wokuPhumla, ngakumbi ngalo wePasika. Amcela ke uPilato ukuba yaphulwe imilenze yâbo babebethelelwe, baze bothulwe nasemnqamlezweni.
32. Aya ke amajoni, afika ayaphula imilenze yowokuqala, aza ayaphula neyowesibini owayebethelelwe kunye noYesu.