9. “Ndithandazela bona ke; andithandazeli abo behlabathi. Kuphela ndithandazela abo undinike bona, kuba bengabakho.
10. Bonke abangabam, bangabakho; yaye bonke abangabakho, bakwangabam. Nditsho ndaduma ke ngenxa yabo.
11. Njengoko ndisiza kuwe sendinjengongasekhoyo ehlabathini. Kambe ke bona basesehlabathini. Bakhusele, Bawo ongcwele, ngegunya legama lakho, elo wandinika lona, ukuze bahlale bebanye njengokuba mna nawe sibanye.
12. Oko bendikunye nabo, bendibakhusela ngegunya legama lakho, elo wandinika lona.Ezinye iikopi ezindala zithi “abo wandinika bona” Ndabakhusela, akwaduka namnye kubo, ngaphandle komduka lowo, owazalisekisa okuxelwe *kwiziBhalo.
13. Njengokuba sendiza kumka, ndize kuwe, ezi zinto ndizithetha ndisesehlabathini, ukuze baphuphume luvuyo lwam.
14. Ilizwi lakho ndiligqithisele kubo. Ke lona ihlabathi libathiyile, kuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingengowalo ihlabathi.
15. Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.
16. Nanjengokuba mna ndingenguye owehlabathi, nabo abangabo abehlabathi.
17. Benze babe ngabakho ngayo inyaniso. Lilizwi lakho inyaniso.
18. Ndibathume ehlabathini njengokuba nam wandithumayo ehlabathini.
19. Ndizinikela kuwe ngenxa yabo, ukuze nabo babe ngabakho ngenene.
20. “Andithandazeli bona bodwa, koko ndithandazela nâbo baya kundivuma ngenxa yelizwi abaliva ngabo.
21. Nceda benze bonke babe banye. Bawo, mabamanyane nathi, njengokuba wena unto-nye nam, nam ndinto-nye nawe. Mababe yimbumba yamanyama, ukuze likholwe ihlabathi ukuba ndithunywe nguwe.
22. Ndibanikile nabo iwonga owandinika lona, ukuze nabo babe nto-nye, njengokuba nathi sinto-nye.
23. Mandihlale kubo, njengokuba wena uhleli kum, ukuze babe nto-nye ngokupheleleyo, lize ihlabathi liqonde ukuba ndithunywe nguwe, lazi ukuba bona ubathanda njengokuba undithanda mna.
24. “Bawo, njengoko ubanike mna nje, ndithanda ukuba babe lapho ndikhoyo, babubone ubungangamsha ondinike bona, kuba wandithanda lingekadalwa nokudalwa ihlabathi.