2-3. Ngokuhlwa uYesu nabafundi bakhe babesetafileni besitya. Umtyholi wayeselekufakile entliziyweni kaJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, okokuba angcatshe uYesu. UYesu wayesazi ukuba uYise uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto; esazi okokuba yena uvela kuThixo, kwaye uya kuThixo.
19. Ndinixelele kungekenzeki, ukuze kuthi, kwakuba kwenzekile, nikholwe okokuba ndinguye endinguye.
20. Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.”
21. Akuba uYesu etshilo, wakhathazeka kakhulu, waza wabaqononondisa esithi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni apha uza kundingcatsha.”
22. Baza bajongana abafundi bakhe, bengazi mpela okokuba ngubani na lowo athetha ngaye.
23. Ke omnye umfundi kaYesu, lowo wayethandwa nguye, wayehleli ecaleni kwakhe,
24. waza uSimon Petros wanqwala kuye ukuba abuze ukuba ngaba uYesu uthetha bani na.
25. Lowo mfundi ke wagobela ngakuYesu, wathi: “Ngaba ngubani lowo, Nkosi?”
26. Waphendula uYesu wathi: “Ngulowo ndiya kuthi ndakuba ndisithe nkxu isonka, ndimnike.” Waza wathatha iqhekeza lesonka, walithi nkxu, walinika uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti.
27. Kwathi kwangoko akulamkela elo qhekeza lesonka uJudas, wangenwa nguSathana. Waza wathi kuye uYesu: “Khawulezisa uyenze into oyenzayo.”
28. Kwakungekho namnye kwabo basetafileni owakuqondayo oko uYesu wayekuthetha.
29. Ekubeni yayigcinwa nguJudas ingxowa yabo yemali, abanye kubafundi babesithi uYesu umthuma ukuba aye kuthenga ezo zinto ziyimfuneko kwitheko *lePasika, okanye mhlawumbi uthi makaye kupha amahlwempu amalizo.
30. Elamkele ke uJudas elo qhekeza lesonka, waphuma kwangoko. Ke kaloku kwakusebusuku.
31. Akuba emkile uJudas, uYesu wathi: “Ngoku ke uza kunikwa ubungangamsha *uNyana woLuntu; uThixo uza kubonakalisa amandla akhe ngaye.
32. Xa ke uThixo abonakalisa amandla akhe ngaye, wothi amnike ubungangamsha uNyana woLuntu, kwaye oko uza kukwenza kwangoku.
33. Bantwana bam, liphelile ixesha lam phakathi kwenu. Niya kundifuna, kodwa oko ndakuthethayo kumaJuda ndikuthetha nakuni ngoku, ndisithi: ‘Apho mna ndiya khona, aninakuya nina.’