29. Akukuva oko uMariya, wakhawuleza waphuma, wahlangabeza uYesu.
30. UYesu ke wayengekangeni edolophini, kodwa wayesekuloo ndawo wayedibene kuyo noMarta.
31. Ke amaJuda lawo awayekunye noMariya endlwini, eze kukhuza, athi akubona ephakama kamsinya, aphuma amlandela. Ayeba uya kulila engcwabeni.
32. UMariya waya kulaa ndawo wayekuyo uYesu, wafika waziphosa ezinyaweni zakhe, wathi kuye: “Nkosi, ukuba ubukho, ngengabhubhanga umnakwethu.”
33. Wathi uYesu akumbona elila, namaJuda abeze naye elila, wachukumiseka entliziyweni, wakhathazeka kakhulu,
34. wathi: “Nimngcwabe phi?”Bathi: “Nkosi, yiza sikubonise.”
35. Zehla iinyembezi kuYesu.
36. Ke ngoko amaJuda athi: “Khanikhangele ukumthanda kwakhe!”
37. Ke amanye kuwo athi: “Wawavula nje amehlo emfama, ngaba ebengenako ukwenza ukuba noLazaro angabhubhi?”
38. Esachukumiseke njalo entliziyweni uYesu, waya engcwabeni. Ingcwaba eli lalingumqolomba, livalwe ngelitye.
39. Waza wathi uYesu: “Lisuseni ilitye.”Wathi uMarta, udade bomfi: “Nkosi, selenevumba, kuba seleneentsuku ezine eswelekile.”
40. UYesu wathi kuye: “Bendingatshongo na kuwe okokuba uya kuwabona amandla kaThixo ukuba uyakholwa?”
41. Balisusa ke ilitye, waza uYesu wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, ndiyabulela kuba undiva.
42. Mna ke bendisazi ukuba uhlala undiva, kambe ke nditsho ngenxa yale ndimbane yabantu ixhontelene apha, khon' ukuze ikholwe ukuba ndithunywe nguwe.”
43. Akuba etshilo wadanduluka wathi: “Lazaro, phuma engcwabeni!”
44. Waphuma umfi, izandla neenyawo zithandelwe ngamalaphu elinen, ubuso bujikelwe ngeqhiya. Wathi kubo uYesu: “Mkhululeni, nimyeke ahambe.”
45. Into eninzi yaloo maJuda awayeze kukhuza uMariya, ithe yakukubona oko uYesu akwenzileyo, yakholwa kuye.
46. Kodwa athile kuwo abuyela *kubaFarasi, abaxelela oko uYesu akwenzileyo.