2. Ngoko ke ngomhla wokuqala kwinyanga yesixhenxe umbingeleli uEzra weza nayo ebandleni incwadi yomthetho – ibandla elo ke yayingamadoda nabafazi nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo.
3. Wawufunda ukusukela kusasa kwada kwasemin' emaqanda, emile ejonge apho ebaleni phambi kweSango laManzi, esiva amadoda, abafazi, nabo bonke ababesebeqabuke ingqondo. Bonke ke abo bantu bayiphulaphula ngomdla loo ncwadi yomthetho yayifundwa.
4. Ke umchazi-mthetho uEzra lo wayemi kwiqonga elenziwe ngamaplanga, lenzelwe eso siganeko. Ngasekunene kwakhe kwakumi uMatitiya, uShema, uAnaya, u-Uriya, uHilekiya, noMaseya; ngasekhohlo inguPedaya, uMishayeli, uMalkiya, uHashum, uHashbhadana, uZakariya, noMeshulam.
5. UEzra wayivula ke incwadi leyo. Bonke ke abantu babembona, kuba wayemi ebavelele. Uthe ke akuyivula, bema ngeenyawo abantu.
6. UEzra ke watyibela, encoma uNdikhoyo, uThixo omkhulu. Ke bona abantu baphakamisa izandla, baza bathelela bathi: “*Amen! Makube njalo!” Baza ke bagoba banqula uNdikhoyo bejonge phantsi.
7. Ke abaLevi uYeshuwa, uBhani, uShrebhiya, uJamin, uAkubhi, uShabhetayi, uHodiya, uMaseya, uKelita, uAzariya, uJozabhadi, uHanani, noPelaya, babafundisa umthetho abantu, besamile njalo apho.