Unehemiya 2:17-20 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ndaza ndathi kubo: “Ngaba niyayibona na le nkxwaleko sikuyo? IJerusalem ingamabhodlo; amasango ayo atshiswe ngomlilo. Ngoko ke yizani sizivuse iindonga zeJerusalem, ukuze siphume ehlazweni.”

18. Kananjalo ndabaxelela ngesandla esikulunga sikaThixo wam ebesiphezu kwam, ngokunjalo namazwi athethwe ngukumkani kum.Baphendula ke bathi: “Masiqalise ukwakha.” Baqalisa ke ukuwenza loo msebenzi mhle.

19. Kambe ke uSanebhalati umHoron, noTobhiya igosa lom-Amon, noGeshem um-Arabhu, bakuyiva loo nto, basuka baphoxisa bahlekisa ngathi, besithi: “Yintoni le niyenzayo? Nizama ukuvukelana nokumkani?”

20. Ndabaphendula ndathi: “UThixo wamazulu uza kusiphumelelisa. Thina zicaka zakhe siza kuqalisa ukwakha; kambe ke nina aninasabelo eJerusalem, ningenalo nalubango; nangokwasezimbalini aninalungelo kuyo.”

Unehemiya 2