Unehemiya 12:9-25 Ibhayibhile (XHO96)

9. UBhakebhukiya noUni namahlakani abo babemi bekhangelene nabo ezinkonzweni.

10. UYeshuwa yayinguyise kaYoyakim, uYoyakim enguyise kaEliyashibhi, uEliyashibhi enguyise kaJoyada,

11. uJoyada enguyise kaJonatan, uJonatan enguyise kaYaduwa.

12. Nazi iinkulu zemizi yababingeleli ngemihla kaYoyakim:kwaSeraya nguMeraya;kwaJeremiya nguHananiya;

13. kwaEzra nguMeshulam;kwa-Amariya nguYehohanan;

14. kwaMaluki nguJonatan;kwaShebhaniya nguJosefu;

15. kwaHarim nguAdena;kwaMerayoti nguHelekayi;

16. kwaIdo nguZakariya;kwaGineton nguMeshulam;

17. kwa-Abhiya nguZikri;kwaMiniyamin nakwaMowadiya nguPiletayi;

18. kwaBhilega nguShamuwa;kwaShemaya nguJonatan;

19. kwaJoyaribhi nguMatenayi;kwaJedaya ngu-Uzi;

20. kwaSalayi nguKalayi;kwa-Amoki nguHebhere;

21. kwaHilekiya nguHashabhiya;kwaYedaya nguNataniyeli.

22. Ke kaloku iinkulu zemizi yabaLevi ngemihla kaEliyashibhi, kaJoyada, kaJohanan, noYaduwa kunye nezababingeleli zabhaliswa ngexesha lolawulo lukakumkani uDariyo wasePeshiya.

23. Kanti ke iinkulu zemizi kwinzala yabaLevi ukuthi xhaxhe ngexesha likaJohanan unyana kaEliyashibhi zafakwa kwincwadi yeengcombolo zembali.

24. Iinkokheli zabaLevi yayinguHashabhiya, uSherebhiya, uYeshuwa unyana kaKademiyeli namahlakani abo, awayesima ekhangelene nabo esenza iindumiso nemibulelo, elinye iqela lithelela elinye ngokomyalelo kaDavide umfo wakwaThixo.

25. UMataniya, uBhakebhukiya, uObhadiya, uMeshulam, uTalmon, noAkubhi, babengabalindi-masango ababegada oovimba ngasemasangweni.

Unehemiya 12