Unehemiya 11:6-17 Ibhayibhile (XHO96)

6. Iyonke inzala kaPerezi, eyayihlala eJerusalem, yayingamagorha angamakhulu amane anamashumi amathandathu anesibhozo.

7. Inzala kaBhenjamin yayinguSalu unyana kaMeshulam, kaJowedi, kaPedaya, kaKolaya, kaMaseya, kaItiyeli, kaYesaya,

8. nabalandeli bakhe, uGabhayi noSalayi, bebonke bengamadoda angamakhulu alithoba anamashumi amabini anesibhozo.

9. Inkokheli yabo yayinguJoweli unyana kaZikri, yena uJuda unyana kaSenuwa evelele isiphaluka sesibini sesixeko.

10. Kubabingeleli yayinguYedaya unyana kaJoyaribhi, uJakin,

11. uSeraya unyana kaHilekiya, kaMeshulam, kaZadoki, kaMareyoti, ka-Ahitubhi owayongamele indlu kaThixo,

12. namahlakani abo awayeqhuba umsebenzi wendlu kaThixo bengamadoda angamakhulu asibhozo anamashumi amabini anambini; uAdaya unyana kaJeroham, kaPelaliya, ka-Amzi, kaZakariya, kaPashure, kaMalekiya,

13. namahlakani akhe, iinkulu zezindlu, bengamadoda angamakhulu amabini anamashumi amane anesibini; uAmashesayi unyana ka-Azarele, ka-Azayi, kaMeshilemoti, kaImere,

14. namahlakani akhe, iinto ezingamagorha, ikhulu elinamashumi amabini anesibhozo. Inkokheli yabo yayinguZabhediyeli unyana kaHagedolim.

15. KubaLevi yayinguShemaya unyana kaHashubhi, ka-Azerikam, kaHashabhiya, kaBhuni;

16. uShabhetayi noYozabhadi, bobabini iziinkulu zabaLevi ezazongamele umsebenzi wangaphandle kwindlu kaThixo;

17. uMataniya unyana kaMika, kaZabbedi, ka-Asafu, umbhexeshi kwezokubulela nezokuthandaza; uBhakebhukiya owayelisekela kumahlakani akhe; noAbheda unyana kaShamuwa, kaGalali, kaYedutun.

Unehemiya 11