Unehemiya 11:20-30 Ibhayibhile (XHO96)

20. Amanye ke amaSirayeli nababingeleli nabaLevi ayekuzo zonke iidolophu zakwaJuda, ulowo nalowo ekumzi olilifa looyise-mkhulu.

21. Izicaka zendlu kaThixo zazihlala kwinduli iOfeli, uZiha noGishpa beziinkokheli zazo.

22. Inkokheli yabaLevi eJerusalem yayingu-Uzi unyana kaBhani, kaHashabhiya, kaMataniya, kaMika. U-Uzi lo wayengomnye kwinzala ka-Asafu eyayikwiimvumi zenkonzo yendlu kaThixo.

23. Iimvumi ezi zaziphantsi kwemiyalelo kakumkani, umsebenzi wazo wemihla ngemihla uxhomekeke kuye.

24. UPetaniya unyana kaMeshezabheli, omnye wenzala kaZera unyana kaJuda, wayesisandla sikakumkani kuyo yonke imicimbi emayela noluntu.

25. Ngokumayela neelali namasimi azo, abanye kubantu bakwaJuda babehlala eKiriyati-arbha namaphandle ayingqongileyo, eDibhon neziphaluka, eKabhezeli neelali zayo,

26. eYeshuwa, eMolada, eBhete-pelete,

27. eHazare-shuwali, eBheshebha neelali zayo,

28. eZikelage, eMekona neziphaluka,

29. e-En-rimon, eZora, eYamuti,

30. eZanowa, eAdulam neelali zazo, eLakishe namasimi ayo, eAzeka neziphaluka. Ewe, babethe qwelele kuwo wonke loo mmandla ukusuka eBheshebha kuye kwintili yeHinom.

Unehemiya 11