17. Wahamba ke uHananiya, wangena endlwini leyo ebeyixelelwe, wambeka izandla uSawule, esithi: “Sawule, mfondini, iNkosi indithumile, uYesu ngokwakhe, lo umbonileyo endleleni, xa ubusiza apha. Indithumele ukuze wena uphinde ufumane ukubona, uzaliswe nanguMoya oyiNgcwele.”
18. Ngoko nangoko kwaba ngathi amehlo kaSawule ongulwe, waza waphinda wanako ukubona. Wathi akuvuka wabhaptizwa.
19. Emveni kokuba etyile, wabuya wangumqabaqaba.USawule wahlala iintsukwana nabalandeli bakaYesu eDamasko.
20. Zisukanje waya *ezindlwini zesikhungo zamaJuda, wafika washumayela ngoYesu, esithi unguNyana kaThixo.
21. Bonke ababemva, babemangaliswa, bebuza besithi: “Ngaba le ndoda asiyiyo na leya yayibatshutshisa eJerusalem bonke abathetha ngeli gama? Kanene, andithi nangoku ilapha nje, izele ukuze ibambe abantu, ibase kubabingeleli abaziintloko?”