Umsebenzi Wabathunywa 7:13-26 Ibhayibhile (XHO96)

13. Kutyelelo lwabo lwesibini uJosefu wazazisa kubantakwabo, waza wamxelela ukumkani ngamawabo lawo.

14. UJosefu wamema uyise uYakobi ukuba aye kuhlala eJiputa nomzi wakhe wonke. Babengamashumi asixhenxe anesihlanu bebonke.

15. Wehla ke uYakobi, waya eJiputa, apho yena nookhokho bethu bafela khona.

16. Imizimba yabo yasiwa eShekem, apho yangcwatywa kwingcwaba elathengwa nguAbraham koonyana bakaHamori.

17. “Ekusondeleni kwexesha lokuba uThixo asizalisekise isithembiso awasenza kuAbraham, abantu bakuthi ababeseJiputa babesebande kakhulu.

18. Ekuhambeni kwethuba kwavela kumkani wumbi, owayengamazi uJosefu, wangumlawuli weJiputa.

19. Wabenzela ubutshijolo abantu bakowethu, wabakhohlakalela ookhokho bethu, ebanyanzela ukuba babalahle abantwana babo, ukuze babe sesichengeni sokufa.

20. Wazalwa ngeli xesha ke uMosis engumntwana omhle kakhulu. Wakhuliselwa ekhayeni lakhe iinyanga ezintathu;

21. waza wathi naye akulahlwa, wacholwa yintombi yokumkani waseJiputa, yazikhulisela yena.

22. Wabufunda bonke ubulumko bamaJiputa, waza waba yingcaphephe ekuthetheni nasekwenzeni.

23. “Akuba neminyaka engamashumi amane uMosis, watyelela amawabo amaSirayeli.

24. Wabona uwabo edlakathiswa ngumJiputa, waza wamnceda, waphindezela ngokumbulala umJiputa lowo.

25. Wayecinga ukuba amawabo oqonda ukuba uThixo ufuna ukusebenzisa yena ekuwakhululeni, kodwa akazange aqonde.

26. Ngenye imini wagagana namaSirayeli amabini esilwa, waza wazama ukuwohlula, esithi kuwo: ‘Khangelani, madoda, niyazalana; kungani ukuba nilwe ke?’

Umsebenzi Wabathunywa 7