Umsebenzi Wabathunywa 3:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. Bayijonga, waza uPetros wathi: “Khangela apha!”

5. Yajonga kubo ke ilindele into abaza kuyinika yona.

6. Uthe uPetros: “Imali andinayo, kodwa ndiza kukunika into endinayo – egameni likaYesu Krestu waseNazarete, ndithi kuwe: ‘Phakama, uhambe.’ ”

7. Akuba etshilo, wayibamba ngesandla sokunene, wayiphakamisa. Ngoko nangoko iinyawo namaqatha ayo omelela.

8. Yatsho umtsi, yema ngeenyawo, yahamba-hamba. Yaza yangena nabo endlwini kaThixo, ihamba itsiba-tsiba, ibulela uThixo.

9. Bonke abantu ababelapho bayibona ihamba ibulela uThixo.

10. Baqonda ukuba ngulaa mngqibi wayedla ngokuhlala eSangweni eLihle lendlu kaThixo, bonke bathi manga yinto eyenzeke kuye.

11. Njengoko le ndoda yathi nca kuPetros noYohane, basuka abantu beza begxalathelana kubo bemangalisiwe evarandeni ekuthiwa yekaSolomon.

12. Akubabona abantu, uPetros wabhekisa kubo wathi: “MaSirayeli, kungani ukuba inimangalise le nto? Khona kutheni ukuba nisijonge ngathi wenziwe ngamandla ethu nangokwethu ukukholeka kuThixo ukuba ahambe lo mntu?

13. UThixo ka-Abraham, kaIsake, kaYakobi, uThixo woobawo bethu, ngesi senzo usinike iwonga isicaka sakhe uYesu. Nina namnikela namkhanyela phambi koPilato, nangona yena wayefuna ukumkhulula.

Umsebenzi Wabathunywa 3