30. Ndithe ke ndakuva ukuba kukho amaJuda azungula ukuyibulala, ndagqiba ukuba ndiyithumele kuwe. Abamangali nabo ndibaxelele ukuba beze kuyimangalela kuwe.”
31. Amajoni enza njengoko ayeyalelwe. Amthatha uPawulos kwangobo busuku, aya kufika naye eAntipatri.
32. Ngengomso ahamba ngeenyawo abuyela eJerusalem, aza awamahashe ahamba naye.
33. Aya kufika naye eKhesariya, ayinika irhuluneli ileta leyo, amnikezela kuyo noPawulos.
34. Iyifundile ileta irhuluneli, yambuza uPawulos ukuba wayengowaliphi na iphondo. Yakuva ukuba wayengowaseKiliki
35. yathi: “Ityala lakho liya kuthethwa kwakufika abamangali.” Yathi uPawulos makagcinwe ebhotwe likaHerode.