16. Ke kaloku indoda leyo yayinendimoni yabahlasela yabongamela, ibadlakazelisa kangangokuba baphuma apho kuloo ndlu bagqotsa bengxwelerhekile, neempahla zabo zivukuvuku.
17. Onke amaJuda neentlanga ezazihlala apho e-Efese zasiva esi siganeko, zaza zoyika kakhulu; laza igama leNkosi uYesu lanikwa imbeko ladunyiswa.
18. Amakholwa amaninzi azinikezela, ezivuma ezixela esidlangalaleni izinto azenzileyo.
19. Uninzi lwâbo babesenza imilingo lwaziqokelela lwazitshisela esidlangalaleni iincwadi zalo. Bawabala bawadibanisa amaxabiso ezo ncwadi, bazifumana zikwisithuba samashumi amahlanu amawaka eerandi.
20. Ngamandla eNkosi ilizwi leNkosi lanwenwezela, lakhula, laya lisomelela ngokomelela ngale ndlela.
21. Emva koko uPawulos wazimisela ukucanda kwelaseMakedoni nelaseAkaya, aze agqithele eJerusalem. “Ndakuba ndiyile khona, kufuneka ndiyibone neRoma,” wakha watsho.
22. Ke kaloku wathumela eMakedoni uTimoti noErasto abancedisi bakhe, lo gama athe yena wolula ukuhlala kwiphondo laseAsiya.
23. Kungeli xesha ke apho kwavumbuluka udushe e-Efese ngenxa yeNdlela yeNkosi.
24. UDemetriyo umfo owayebumba imifanekiso yendlu yesithixokazi *uArtemis ngesiliva, wayewenzela ingeniso enkulu ngolu shishino amagcisa aqeshwe nguye.
25. Wenza imbizo ke ekwabakho kuyo abaqeshwa kwakunye nabanye ababesenza umsebenzi okwanjengowakhe, wathi kubo: “Madoda, niyazi ukuba impumelelo yethu ixhomekeke kolu shishino.