Umsebenzi Wabathunywa 19:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngexesha uApolo wayeseKorinte, uPawulos yena wacanda phakathi kuloo mimandla, waya kufika e-Efese. Apho wafumana iqela labalandeli bakaYohane,

2. wababuza wathi: “Namamkela na uMoya oyiNgcwele ukuzinikela kwenu?”Baphendula bathi: “Asizange sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele.”

3. UPawulos wababuza wathi: “Phofu lubhaptizo luni enabhaptizwa ngalo?”Bona bathi: “Lubhaptizo lukaYohane.”

4. UPawulos wabachazela wathi: “Ubhaptizo lukaYohane lona lwalusalatha inguquko. Yena wayebaxelela abantu ukuba bazinikele kulowo wayesiza emva kwakhe; nguYesu ke lowo.”

5. Bakuyiva le ntetho, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu.

6. UPawulos wababeka izandla, batsho bamamkela uMoya oyiNgcwele, baza bathetha iilwimi, belithetha ilizwi likaThixo.

7. Babengamadoda amalunga neshumi elinambini.

8. Ngesithuba seenyanga ezintathu uPawulos wayesiya *endlwini yesikhungo yamaJuda, ethetha, exoxa nabo abantu ngesibindi, ezama ukuboyisela ekulawulweni nguThixo.

Umsebenzi Wabathunywa 19