Umsebenzi Wabathunywa 19:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngexesha uApolo wayeseKorinte, uPawulos yena wacanda phakathi kuloo mimandla, waya kufika e-Efese. Apho wafumana iqela labalandeli bakaYohane,

2. wababuza wathi: “Namamkela na uMoya oyiNgcwele ukuzinikela kwenu?”Baphendula bathi: “Asizange sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele.”

3. UPawulos wababuza wathi: “Phofu lubhaptizo luni enabhaptizwa ngalo?”Bona bathi: “Lubhaptizo lukaYohane.”

4. UPawulos wabachazela wathi: “Ubhaptizo lukaYohane lona lwalusalatha inguquko. Yena wayebaxelela abantu ukuba bazinikele kulowo wayesiza emva kwakhe; nguYesu ke lowo.”

5. Bakuyiva le ntetho, babhaptizwa egameni leNkosi uYesu.

6. UPawulos wababeka izandla, batsho bamamkela uMoya oyiNgcwele, baza bathetha iilwimi, belithetha ilizwi likaThixo.

Umsebenzi Wabathunywa 19