Umsebenzi Wabathunywa 18:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. Bakufika e-Efese, uPawulos wabashiya ooPrisila noAkwila, waya endlwini yesikhungo, waxoxa khona namaJuda.

20. Babemcela ukuba ahlale nabo ixesha elide, kodwa akavuma.

21. Wasuka wathi xa ahambayo: “Ukuba ngaba kuyintando kaThixo ukuba ndibuye, ndobuya ndibuye.” Waza ke wemka e-Efese.

22. Akufika eKhesariya, wadlula waya kubulisa ibandla, waza ke waya eAntiyokwe.

Umsebenzi Wabathunywa 18