Umsebenzi Wabathunywa 15:4-16 Ibhayibhile (XHO96)

4. Befikile ke eJerusalem, bamkelwa libandla, abathunywa, nabadala, baza ke benza ingxelo kubo ngendlela awayebasebenzise ngayo uThixo.

5. Kodwa amakholwa athile awayekade engaweqela *labaFarasi, athi wona amakholwa aphuma ezintlangeni makoluswe awuthobele umthetho kaMosis.

6. Abathunywa nabadala benza intlanganiso, baphicotha lo mbandela.

7. Emva kwengxoxo ende, waphakama uPetros, wathi: “Mawethu, niyazi ukuba kwixesha elidlulileyo uThixo wandonyula phakathi kwenu ukuba iintlanga zizive ngam iindaba ezimnandi, zize ziguquke.

8. UThixo ozaziyo iintliziyo zabantu, wabonakalisa ukuzamkela iintlanga ngokuzinika uMoya oyiNgcwele njengoko wasinikayo nathi.

9. Akabonakalisanga mahluko phakathi kwazo nathi; nazo wazihlambulula iintliziyo zakuba zizinikele kuye.

10. Ngoku ke nimlingela ntoni uThixo ngokuthwalisa amakholwa umthwalo abangazange babe nako ukuwuthwala ookhokho bethu, nathi ngokwethu esingenako ukuwuthwala?

11. Hayi bo! Sikholwa kukuba thina sisindiswa ngesisa seNkosi uYesu kwanjengazo.”

12. Kwakuthe cwaka ngexesha uBharnabha noPawulos besenza ingxelo ngemimangaliso nemiqondiso ayenzileyo uThixo ngabo phakathi kweentlanga.

13. Emva kwentetho yabo kwathetha uYakobi, wathi: “Ndiphulaphuleni, mawethu!

14. USimon unichazele indlela uThixo abonakalise ngayo ukuzikhathalela kwakhe iintlanga ngokukhetha phakathi kwazo abantu abangabakhe.

15. Amazwi *abashumayeli ayavumelana nesi senzo, kuba zithi *iziBhalo:

16. “ ‘Emva koku ndiya kubuya,’ itsho iNkosi,‘ndiwuvuse umzi kaDavide ongamanxiwa,ndiwulungise apho wonakele khona,ume kakuhle.

Umsebenzi Wabathunywa 15