Umsebenzi Wabathunywa 14:10-19 Ibhayibhile (XHO96)

10. wadanduluka wathi: “Suk' ume ngeenyawo.” Indoda leyo yatsiba yema, yahamba-hamba.

11. Zithe izihlwele zakuyibona le nto yenziwe nguPawulos, zakhwaza ngesiLikawoni zisithi: “Oothixo beze kuthi befana nabantu!”

12. UBharnabha bamthiya bathi *nguZeyus, uPawulos bathi *nguHermes ngenxa yokuba yena wayesisithethi.

13. Ke kaloku kwakukho indlu yokunqulela uZeyus ngaphandle nje kwedolophu. Waza umbingeleli kaZeyus weza neenkunzi zeenkomo neentyatyambo esangweni ledolophu. Yena nesihlwele eso babefuna ukwenzela *abathunywa idini.

14. Bathe abathunywa ooBharnabha noPawulos bakuyiva le nto iqhubekayo, bazikrazula iimpahla zabo, babaleka baya kuso isihlwele, bekhwaza besithi:

15. “Madoda, yintoni le niyenzayo? Nathi singabantu; sifana nani! Size apha ukuze sivakalise iindaba ezimnandi, ukuze niguquke nijike kwezi zinto ziphuthileyo, nize kuThixo, owenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nezinto ezilapho kuzo.

16. Mandulo uThixo wabayeka abantu, benza ukuthanda kwabo;

17. kodwa wasoloko ezibonakalisa ubukho bakhe ngezinto ezintle azenzayo. Usipha imvula nezilimo ngamaxesha afanelekileyo; usipha nokudla, iintliziyo zethu azizalise ngovuyo.”

18. Naxa sebethethe kangako abathunywa, phantse bangabi nako ukusijika isihlwele ekubeni sibenzele idini.

19. Kwafika iqela lamaJuda evela eAntiyokwe yasePisidi naseIkoniyo. Ekubeni ezifake umoya ombi izihlwele, ukuba zithathe icala lawo, bamxuluba ngamatye uPawulos, bamrhuqela ngaphandle kwedolophu, beba ufile.

Umsebenzi Wabathunywa 14