1. NaseIkoniyo yaba sesezolo: uPawulos noBharnabha baya *endlwini yesikhungo baza bathetha kangangokuba iqela elikhulu lamaJuda neentlanga lazinikela.
2. Kodwa amaJuda angakholwayo azixhokonxa iintlanga, azifaka umoya ombi ngakumakholwa.
3. *Abathunywa bahlala apho ixesha elide. Bathetha ngesibindi ngeNkosi, iNkosi ibanika amandla okwenza imiqondiso nemimangaliso, ingqina inyaniso yodaba lwabo ngesisa sayo.
4. Inkoliso yabantu edolophini apho yathi qheke kubini: abanye baba ngakumaJuda, abanye baba ngakubathunywa.
5. Zaza iintlanga namaJuda ndawonye neenkokheli zazimisela ukubaphatha kakubi abathunywa, zibaxulube ngamatye.
6. Bathe bakuyiqonda le nto abathunywa, basaba baya eLikawoni, kwiidolophu zaseListra naseDerbhe nemimandla ejikelezileyo.
7. Baza bazishumayela khona iindaba ezimnandi.
8. Apho eListra kwakukho indoda eyazalwa isisiqhwala, ingazange yaba nako ukuhamba.
9. Yawaphulaphula ngomdla amazwi kaPawulos. UPawulos wayithi ntshoo ngamehlo, waqonda ukuba inokholo olungayiphilisayo,
10. wadanduluka wathi: “Suk' ume ngeenyawo.” Indoda leyo yatsiba yema, yahamba-hamba.
11. Zithe izihlwele zakuyibona le nto yenziwe nguPawulos, zakhwaza ngesiLikawoni zisithi: “Oothixo beze kuthi befana nabantu!”