Umsebenzi Wabathunywa 10:20-33 Ibhayibhile (XHO96)

20. Phakama uye kuwo la madoda, ungathandabuzi, uhambe nawo, kuba athunywe ndim.”

21. Waya kuwo uPetros, wafika wathi: “Ndim lo nimfunayo. Ngaba nindifuna ngani?”

22. Wona aphendula athi: “Sithunywa yiNkosi yethu uKorneli, oyindoda elungileyo emhlonelayo uThixo, ehlonitshwayo nangamaJuda. Uxelelwe sisithunywa sikaThixo ukuba makakubize uye endlwini yakhe, ukuze eve loo nto uya kumxelela yona.”

23. Wangena nabo endlwini uPetros, baza balalisa apho ngaloo mini.Ngosuku olulandelayo wahamba nawo la madoda kunye namanye amakholwa aseJopa.

24. Ngengomso wagaleleka eKhesariya, apho wafika elindelwe nguKorneli nezizalwana nezihlobo zakhe ezisenyongweni.

25. Xa angenayo uPetros, uKorneli wazikhahlela phambi kwakhe,

26. kodwa uPetros wamphakamisa wathi: “Hayi, ndingumntu nje nam; musa ukwenjenjalo.”

27. UPetros wayethetha noKorneli ekungeneni kwakhe endlwini, apho wafika kubuthelene abantu abaninzi.

28. Uthe kubo uPetros: “Nina ngokwenu nazi kakuhle ukuba umJuda akavumelekile ngokwenkolo yakowabo ukuba andwendwele nokuba abe nento yokwenza neentlanga. Selendibonisile ke kodwa uThixo ukuba mandingathathi bani njengongahlambulukanga.

29. Yiyo loo nto uthe wakundibiza andala. Khawundixelele ke, undibizele ntoni?”

30. Uthe ukuphendula uKorneli: “Ngoku kusemva kweentsuku ezine oko ndandithandaza endlwini yam, malunga neli lixa ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kwathi gqi umfo onxibe ezibengezelayo, wema phambi kwam,

31. wathi kum: ‘Korneli, uThixo uyamkele imithandazo yakho, wayikhumbula nemisebenzi yakho yesisa.

32. Ngoko ke thuma umntu eJopa, aye kubiza umntu ogama linguSimon Petros. Ulundwendwe lukaSimon umsuki weemfele, ondlu ingaselwandle.’

33. Ndithumele kwangoko kuwe, nawe ke ulungisile ukuza. Thina sonke sihlangene apha ngenjongo yokudibana noThixo, silindele ukuphulaphula yonke into iNkosi ekuyalele ukuba usixelele yona.”

Umsebenzi Wabathunywa 10