Umika 7:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Musa ukuthembela ngommelwane.Hayi, sukubambelela kumhlobo.Ewe ngenene, wabale amazwi akho,nditsho nkqu nakulowo ulele esifubeni sakho.

6. Kaloku noonyana bayabadela ooyise;iintombi zivukelana nabo noonina;umolokazana uvukelana nonina-zala;iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe.

7. Kambe ke mna ndijonge *kuNdikhoyo;ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.UThixo wam yena uya kundiva.

8. Nina zintshaba, sanukundivuyelela.Nakuba ndiwile nje ndobuya ndivuke.Ndingade ndibe ngathi ndisebumnyamenikodwa yena *uNdikhoyo kukukhanya kwam.

9. Kaloku ndimonile uNdikhoyo.Ngoko ke ndoyithwala ingqumbo yakhe,ade ke abuye andithethelele,abuye andilungisele.Yena wondibeka ekukhanyeni,nditsho ndibubone ubulungisa bakhe.

10. Notshaba lwam lotsho lubone;luya kwambathiswa lihlazo.Nditsho olo belufudula lusithi kum:“Ude abe phi na lo Ndikhoyo unguThixo wakho?”Ewe, amehlo am aya kukubona ukuwa kwalo,lunyhashwe ngeenyawo okodaka ezitalatweni.

11. Iyeza imini yokwakhiwa kweendonga zakho.Ngaloo mini iya kwandiswa imida yakho.

Umika 7