Umika 7:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Akasekho amadoda anyanisekileyo emhlabeni;amadoda athe ngqo suka athi shwaka.Akhoyo alalela ukuphalaza igazi;elowo uzingela umntakwabo ngomnatha.

3. Izandla zabo zozibini zinobuchule ekwenzeni ububi.Ooziphathamandla bafunana nezicengo.Abalawuli bathe thwanga kukunyotywa.Izikhulu zifezekisa iminqweno yazo.Ewe, badibene ngokufutha amayelenqe.

4. Noyena ubalaseleyo kubo nqwa nokhula;kunoyena uthembekileyo kubhetele kwabobo.Ngoku igalelekile imini yesohlwayo;yiphaphele oku komlindi.Eli ngoku lixesha lokudideka kwabo.

5. Musa ukuthembela ngommelwane.Hayi, sukubambelela kumhlobo.Ewe ngenene, wabale amazwi akho,nditsho nkqu nakulowo ulele esifubeni sakho.

6. Kaloku noonyana bayabadela ooyise;iintombi zivukelana nabo noonina;umolokazana uvukelana nonina-zala;iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe.

7. Kambe ke mna ndijonge *kuNdikhoyo;ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.UThixo wam yena uya kundiva.

Umika 7