Umika 2:9-13 Ibhayibhile (XHO96)

9. Niyabagxotha abafazi bakowethu,bemke emizini elibhongo labo.Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam,bangaze bayifumane naphakade.

10. Yithi thwas' uhambe,kuba le asiyondawo yakuphumla.Ewe, le ndawo ixabhelekile;ifikelwa yintshabalalo engenakunqandwa.

11. Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi:‘Mna ndishumayela indyebo;yoba yindyikityha yewayini notywala;’yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”

12. “Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi;ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli.Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni.Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.

13. Uvulindlela wohamba phambi kwabo;botyhoboza baphume esangweni.Ukumkani woba yena ekhokele,*uNdikhoyo ngokwakhe abe yintloko yabo.”

Umika 2