Umika 2:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ngoko ke akuyi kubakho mntu,nditsho ebandleni likaNdikhoyo,oya kwaba umhlaba *ngeqashiso.

6. Abashumayelayo bathi:“Hayi, musa ukushumayela!Sukushumayela ngayo le nto;akukho hlazo liya kusihlela.”

7. Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe:“Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile?Uthi angazenza izinto ezinjalo?”“Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?

8. Abantu bam basand' ukundivukela oku kotshaba.Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni,nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.

9. Niyabagxotha abafazi bakowethu,bemke emizini elibhongo labo.Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam,bangaze bayifumane naphakade.

10. Yithi thwas' uhambe,kuba le asiyondawo yakuphumla.Ewe, le ndawo ixabhelekile;ifikelwa yintshabalalo engenakunqandwa.

11. Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi:‘Mna ndishumayela indyebo;yoba yindyikityha yewayini notywala;’yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”

12. “Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi;ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli.Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni.Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.

13. Uvulindlela wohamba phambi kwabo;botyhoboza baphume esangweni.Ukumkani woba yena ekhokele,*uNdikhoyo ngokwakhe abe yintloko yabo.”

Umika 2