18. Kwathi esazithetha kubo uYesu ezi zinto, kwafika igosa *lendlu yesikhungo, laqubuda kuye, lathi: “Intombi yam isand' ukubhubha. Yiza, uyibeke isandla; iya kuphila.”
19. Waphakama uYesu, walilandela, ehamba nabafundi bakhe.
20. Ke umfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa, wasondela ngasemva, wachukumisa umqukumbelo wesambatho sikaYesu,
21. kuba wayesithi: “Ukuba ndithe ndachukumisa nokuba sisambatho sakhe esi, ndophiliswa.”
22. UYesu wajika, wambona, wathi: “Yomelela, ntombi! Ukholo lwakho lukuphilisile.” Waphiliswa kwangoko loo mfazi.
23. Wafika ke uYesu endlwini yegosa elo, wazibona iimvumi zomngcwabo, ekubona ukukhathazeka kwesihlwele ebesikho,
24. waza wathi: “Khaniphume. Intombazana le ayibhubhanga; ilele nje.” Basuka bamwa ngentsini.
25. Bakuba bonke bekhutshiwe endlwini, uYesu wangena, wabamba isandla sentombazana leyo, wayivusa.
26. Yaduma loo nto kuwo wonke loo mmandla.
27. UYesu wemka apho, kwathi edlula walandelwa ziimfama ezimbini, zikhwaza zisithi: “Nyana kaDavide, senzele inceba.”
28. Akungena endlwini uYesu, zeza kuye iimfama ezo, waza uYesu wathi kuzo: “Niyakholwa na okokuba ndinako ukukwenza oku?”Zaphendula zathi: “Ewe, Nkosi.”
29. Waza uYesu wawachukumisa amehlo azo, esithi: “Makwenzeke kuni ngokokholo lwenu.”
30. Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kakhulu, esithi: “Lumkani kungàziwa mntu oku.”
31. Kodwa zona zemka zazibhengeza iindaba ezingoYesu kuwo wonke loo mmandla.