Umatewu 5:25-37 Ibhayibhile (XHO96)

25. “Visisana kamsinya nokumangalelayo, usesendleleni kunye naye, hleze ummangaleli wakho akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele epoliseni, uze uphoswe entolongweni.

26. Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”

27. “Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’

28. Ke mna ndithi kuni, wonke umntu okhangela umntu obhinqileyo embawela, uselekrexezile entliziyweni yakhe.

29. Ukuba iliso lakho lasekunene liyakulahlekisa, lincothule ulilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni.

30. Nokuba isandla sakho sokunene siyakulahlekisa, sinqumle usilahle. Kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uye esihogweni.”

31. “Kwathiwa: ‘Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yoqhawulo-mtshato.’

32. Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga umfazi lowo, woba uyamkrexezisa; nothe wazeka loo mfazi waliweyo, uyakrexeza.”

33. “Kananjalo nivile ukuba kwâthiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungafungi buxoki. Xa uthe wasenza isifungo, uze ukwenze oko uthembise ngako phambi kweNkosi.’

34. Ke mna ndithi kuni, maningakhe nifunge nento le; nokuba lizulu, ngokuba likomkhulu likaThixo;

35. nokuba lihlabathi eli, ngokuba lingamathânga akhe; nokuba yiJerusalem, ngokuba ngumzi weKumkani yeekumkani.

36. Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenako ukwenza nalunye unwele lube mhlophe okanye lube mnyama.

37. Uewe wenu makabe nguewe, nohayi abe nguhayi. Okugqithe koko kuvela kongendawo.”

Umatewu 5