Umatewu 4:5-20 Ibhayibhile (XHO96)

5. Umtyholi ke wasa uYesu kwisiXeko esiNgcwele, wammisa phezu *kwendlu kaThixo,

6. wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi:“ ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe;ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”

7. UYesu wathi kuye: “IziBhalo zikwathi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”

8. Kwakhona umtyholi wasa uYesu entabeni ephakame kakhulu, wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi, nobuhle bazo,

9. wathi kuye: “Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wazithoba wandinqula.”

10. Waza wathi kuye uYesu: “Hamb' umke, Sathana; kuba iziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’”

11. Waza umtyholi wamyeka uYesu, zafika izithunywa zezulu zamlungiselela.

12. Ke uYesu akuva ukuba uYohane ubanjiwe, wahamba waya kwelaseGalili.

13. Wemka ke eNazarete, wafudukela eKapernahum ngaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali.

14. Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:

15. “Wena sithili sakwaZebhulon, nawe sithili sakwaNafetali,nina eningakwindlela yaselwandle, phesheya kweJordan,nina baseGalili yeentlanga,

16. bantu ababehleli ebumnyameni,niboné ukukhanya okukhulu;nina enanihleli ezweni nasethunzini lokufa,nivelelwe kukukhanya.”

17. Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”

18. Kuthe uYesu ehamba ngakuLwandle lwaseGalili wabona abantu ababini, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya, umninawe wakhe, bephosa umnatha elwandle, kuba babengabalobi.

19. Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”

20. Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.

Umatewu 4