Umatewu 26:58-66 Ibhayibhile (XHO96)

58. Ke yena uPetros wamlandela uYesu, ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, ukuze abone ukuba kuya kuphelela phi na.

59. Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina bobuxoki ngoYesu, ukuze bambulalise,

60. kodwa ababufumananga, nangona babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye. Ekugqibeleni kwavela ababini,

61. bathi: “Lo mntu uthe: ‘Mna ndingayichitha indlu kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.’ ”

62. Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wathi kuYesu: “Akuphenduli nento le na? Yintoni kanye le aba bayingqinayo ngawe?”

63. Kodwa uYesu wahlala wathi tu. Waphinda umbingeleli omkhulu wathi kuye: “Ndikufungisa uThixo ophilayo okokuba usixelele ukuba unguye na *uKrestu, uNyana kaThixo.”

64. Wamphendula uYesu wathi: “Nawe utsho. Ke ndithi kuni, ukususela ngoku niya kumbona uNyana woLuntu ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu.”

65. Wazikrazula ke izambatho zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Únyelise uThixo! Sisawafunelani na amangqina? Niyabona, nikuvile ngoku ukunyelisa kwakhe.

66. Nithini nina?”Baphendula bathi: “Úfanele ukufa.”

Umatewu 26