26. MFarasindini oyimfama, kuqala hlambulula umphakathi wendebe, wothi ke nomphandle ube uhlambulukile.
27. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nifana namangcwaba avetiweyo, ambonakalo intle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo ezidumbu nako konke okungcolileyo.
28. Ngokukwanjalo nani okunene nibonakala ebantwini ngathi ningamalungisa, kanti ngaphakathi ezintliziyweni nizele luhanahaniso nenkcaso-mthetho.”
29. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Nakha amangcwaba *abashumayeli, nizihombise iindawo zokufihlwa kwamalungisa.
30. Nithi: ‘Ukuba sasikho thina kwimihla yoobawo, ngesingahambisananga nabo ngokubulawa kwabashumayeli.’
31. Ngokutsho nina ngokwenu niyangqina ukuba ningoonyana bâbo bababulalayo abashumayeli.
32. Qhubelani phambili ke, nikufeze oko kwaqalwayo ngooyihlo.
33. Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, nothini na ukusinda ningàgwetyelwa isihogo?
34. Ke ngoko, niyabona, ndonithumela abashumayeli, nezilumko, nabachazi-mthetho. Inxenye yabo niya kuyibulala, niyibethelele eminqamlezweni; inxenye niyikatse *ezindlwini zenu zesikhungo, nibatshutshisa kwizixeko ngezixeko.
35. Ngako oko lobizwa kuni igazi lawo onke amalungisa elithe laphalazwa emhlabeni, ukususela kwelika-Abheli olilungisa, kuse kwelikaZakariya, unyana kaBherekiya, enambulalela endlwini kaThixo phakathi kwengcwele neqonga lamadini.
36. Ndithi kuni, inene, isohlwayo sazo zonke ezo zinto siya kuba phezu kwabantu besi sizukulwana.”
37. “Jerusalem, Jerusalem, wena mbulali *wabashumayeli, ubaxuluba ngamatye abo bathunywe kuwe nguThixo! Kunini na ndifuna ukubawola abantu bakho ngokwesikhukukazi esigquma amantshontsho aso ngamaphiko, waza àwavuma!
38. Niyabona ke, uThixo uyanifulathela nomzi wenu.