Umatewu 23:23-32 Ibhayibhile (XHO96)

23. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Ninikela kuThixo ngesishumi sayo imifuno enjengetyeleba nedile nekumin, kanti niyazityeshela ezona zinto zizizo zomthetho: ubulungisa, inceba, nentembeko. Ezi zinto benimelwe kukuzenza, nithi neziya ningazityesheli.

24. Zinkokhelindini eziziimfama, nihluza imbuzane, nisuke niginye isilo esingangenkamela.

25. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nihlamba umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kokufunyenwe ngokuphanga nokunyoluka.

26. MFarasindini oyimfama, kuqala hlambulula umphakathi wendebe, wothi ke nomphandle ube uhlambulukile.

27. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nifana namangcwaba avetiweyo, ambonakalo intle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo ezidumbu nako konke okungcolileyo.

28. Ngokukwanjalo nani okunene nibonakala ebantwini ngathi ningamalungisa, kanti ngaphakathi ezintliziyweni nizele luhanahaniso nenkcaso-mthetho.”

29. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Nakha amangcwaba *abashumayeli, nizihombise iindawo zokufihlwa kwamalungisa.

30. Nithi: ‘Ukuba sasikho thina kwimihla yoobawo, ngesingahambisananga nabo ngokubulawa kwabashumayeli.’

31. Ngokutsho nina ngokwenu niyangqina ukuba ningoonyana bâbo bababulalayo abashumayeli.

32. Qhubelani phambili ke, nikufeze oko kwaqalwayo ngooyihlo.

Umatewu 23