37. Emva koko wathumela unyana wakhe kubo, esithi: ‘Noko bomhlonela yena unyana wam.’
38. Kodwa abalimi, bakumbona unyana, bathethana bodwa, besithi: ‘Yindlalifa le. Yizani siyibulale, ilifa libe lelethu.’
39. Bambamba, bamphosa ngaphandle kwesidiliya, bambulala.
40. “Akufika ke umnini-sidiliya, uya kubathini abo balimi?”
41. Baza bathi kuye: “Uya kubatshabalalisa kakubi abo bantu bakhohlakeleyo, isidiliya eso asiqeshise kwabanye abalimi, abaya kumnika isabelo sakhe seziqhamo ngexesha lokuvuthwa kwazo.”
42. UYesu wathi kubo: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi:“ ‘Ilitye abalidelayo abakhililo elaba lelona libalulekileyo lesiseko.Oku kwênzeka kuvela eNkosini;kungummangaliso emehlweni ethu.’
43. “Ke ngoko, ndithi kuni, ukulawulwa nguThixo kuya kuniphosa, kufunyanwe luhlanga oluzivelisayo iziqhamo zolawulo lukaThixo. [
44. Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.]”
45. Bakuyiva imizekeliso kaYesu, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi baqonda okokuba uthetha ngabo,
46. baza bafuna ukumbamba, kodwa babesoyika isihlwele esasisithi uYesu *ungumshumayeli.