Umatewu 20:8-26 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Kwakuhlwa ke umninimzi wathi kunobhalana wakhe: ‘Babize abasebenzi, ubamkelise, uqale ngabafike ekugqibeleni, uye kwabafike kuqala.’

9. Beza ke abo babeqeshwe emalanga, baza banikwa loo mali baqhele ukuyamkela ngemini.

10. Bakufika ke abo babeqeshwe kuqala, baba baya kwamkeliswa ngaphezulu, kodwa kwanabo banikwa loo mali baqhele ukuyamkela ngemini.

11. Beyamkele ke basuke bamkhalazela umninimzi,

12. besithi: ‘La madoda afike mva asebenza nje ixeshana, kanti wena uwamkelise ngokulingana nathi, thina esibulaleke kangaka ngumsebenzi, sitshiswa lilanga imini yonke!’

13. Umninimzi wabhekisa komnye, wathi: ‘Mfondini, andiqhathanga mntu. Besingavumelananga na ngemali eqhele ukwamkeliswa umntu ngemini?

14. Thatha imali yakho, uhambe. Ndizithandele okokuba lo mntu ufike mva ndimamkelise njengawe.

15. Kakade ndingenza nayiphi na into endiyithandayo ngemali yam. Kutheni ukuba wena ube nomona ngenxa yokuba mna ndinenceba?’

16. “Kwangokunjalo ke abokugqibela boba ngabokuqala, nabokuqala babe ngabokugqibela.”

17. Kwathi, xa uYesu wayeza kuya eJerusalem, wababizela ecaleni abafundi bakhe abalishumi elinambini, wathetha nabo behamba endleleni, wathi:

18. “Niyabona, siya eJerusalem, apho *uNyana woLuntu aya kunikelwa khona kubabingeleli abaziintloko nakubachazi-mthetho. Baya kumgwebela ukufa,

19. bamnikele ezandleni zeentlanga. Zona ke ziya kumenza intlekisa, zimkatse, zimbethelele emnqamlezweni; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke ekufeni.”

20. Ngelo xesha unina woonyana bakaZebhedi weza kuYesu, ehamba noonyana bakhe; wafika wavova phambi kwakhe enesicelo.

21. UYesu wathi kuye: “Ufuna ntoni?”Wathi yena: “Ndicela ukuba aba nyana bam babini ubanike ezona zikhundla ziphezulu xa wena ungukumkani.”

22. Waphendula uYesu wathi: “Aniyazi into eniyicelayo. Ninako ukuyinyamezela intlungu endiza kuyiva mna?”Bathi ke bona kuye: “Sinako.”

23. Wathi kubo uYesu: “Okunene, intlungu yam niya kuyiva; kodwa kona ukwaba izikhundla akulolungelo lam. Ezo zikhundla zezabo bazilungiselelweyo nguBawo.”

24. Bekuvile oku abafundi abalishumi, bakhathazeka yile nto yaba bafo bakaZebhedi.

25. Waza uYesu wababizela kuye, wathi: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo balawulayo banobukhosi; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya.

26. Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu;

Umatewu 20