Umatewu 18:2-15 Ibhayibhile (XHO96)

2. UYesu wabizela umntwana kuye, wammisa phambi kwabo,

3. wathi: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga nijike nibe njengabantwana, anisoze nifikelele kumgangatho wabalawulwa nguThixo.

4. Oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixoOkanye “oyena mkhulu ebukumkanini bezulu” ngulowo uzithobayo abe njengalo mntwana.

5. Othe egameni lam wamkela nokuba mnye onje, wamkela mna.”

6. “Othe wakhubekisa nokuba mnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzonzobileni yolwandle.

7. Hayi ihlabathi ngezikhubekiso! Azinakungezi izinto ezibakhubekisayo abantu, kodwa hayi loo mntu kuza ngaye ukukhubeka!

8. “Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luyakukhubekisa, lunqumle, ululahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima okanye usisiqhwala, kunokuba uthi, unezandla zozibini, okanye uneenyawo zombini, uphoswe emlilweni wangonaphakade.

9. Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe, ulilahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.”

10. “Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane. Ndithi kuni, izithunywa zabo ezulwini zihlala ziphambi koBawo osezulwini. [

11. Kaloku *uNyana woLuntu weza kusindisa abo balahlekileyo.]

12. “Nithini ke nina? Ukuba ubani unekhulu leegusha, kuze kulahleke ibe nye kuzo, akayi kuzishiya na edlelweni ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo?

13. Ukuba ke uthe wayifumana, ndithi kuni, inene, uyavuya kukuyifumana leyo ngaphezu kokuba evuya zezinye ezimashumi alithoba anesithoba ezingalahlekanga.

14. Kwangokunjalo naye uYihlo osezulwini akafuni kulahleke nokuba abe mnye kwaba bancinane.”

15. “Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu.

Umatewu 18