“Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luyakukhubekisa, lunqumle, ululahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima okanye usisiqhwala, kunokuba uthi, unezandla zozibini, okanye uneenyawo zombini, uphoswe emlilweni wangonaphakade.