16. Waphendula uSimon Petros wathi: “Wena unguye *uKrestu, uNyana kaThixo ophilayo.”
17. Waphendula uYesu wathi kuye: “Unethamsanqa wena, Simon nyana kaJona, kuba le nto akuyityhilelwanga ngumntu, uyityhilelwe nguBawo osezulwini.
18. Nam ke, ndithi kuwe: UnguPetros, igama elithetha ulwalwa; ndiya kulakhela kolu lwalwa ke ibandla lam, kwaye namandla okufa akayi kuloyisa.
19. Ndiya kukunika igunya kulawulo olutsha lukaThixo. Kuya kuthi okubophileyo emhlabeni, kubotshwe nasezulwini; kuthi nokukhululeyo emhlabeni, kukhululwe nasezulwini.”
20. Wabayala ke abafundi bakhe ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguye uKrestu.
21. Waqala ke ngoko uYesu ukubacacisela abafundi bakhe ukuba umelwe kukuya eJerusalem, aviswe ubunzima obukhulu ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho, abulawe, aze avuke ngomhla wesithathu.
22. UPetros ke, emse bucala uYesu, wamkhalimela esithi: “Wanga uThixo angakunceda, Nkosi; oku kungàze kwenzeke kuwe.”
23. Wajika uYesu, wathi kuPetros: “Hamb' umke kum, Sathana. Uyandikhubekisa, kuba akuzinyamekeli izinto zikaThixo, unyamekela ezabantu.”
24. UYesu ke wathi kubafundi bakhe: “Ofuna ukuba ngumlandeli wam makazincame, athwale umnqamlezo wakhe, andilandele;
25. kuba othe wafuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo, kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
26. Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe?
27. Kaloku *uNyana woLuntu selesiza, esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe. Akufika uya kubabuyekeza bonke ngabanye ngokwezenzo zabo.
28. Ndithi kuni, inene, kwabakhoyo apha bakho abangayi kubonana nokufa bade bambone uNyana woLuntu efika engukumkani.”