Umatewu 15:19-27 Ibhayibhile (XHO96)

19. Kaloku ziphuma entliziyweni iingcamango ezimbi. Kusentliziyweni apho kuphuma khona ukubulala, ukukrexeza, ubuhenyu, ubusela, ukungqina ubuxoki, nokunyelisa.

20. Zezi zinto ezimenza angcole umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi angcole umntu.”

21. Emkile apho uYesu, waya kummandla waseTire naseSidon.

22. Kwathi thu umKananekazi, evela kuloo mimandla, ekhala esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kum. Intombi yam iphethwe kakubi yindimoni.”

23. Kodwa uYesu akamphendulanga tu. Basondela abafundi bakhe, bambongoza besithi: “Mvumele, kuba nanku ekhwaza emva kwethu.”

24. Waphendula wathi: “Ndithunyelwe kuphela kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.”

25. Weza ke, waqubuda kuye, wathi: “Nkosi, ndincede.”

26. Yena waphendula wathi: “Akufanelekanga ukuba ukutya kuthathwe kubantwana, kunikwe iinjana.”

27. Waphendula yena wathi: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana ziyatya kwimvuthuluka ewayo etafileni yabaninizo.”

Umatewu 15