17. Aniqondi na ukuba konke okungena emlonyeni, kuya esiswini, kuze kulahlwe ngasese?
18. Ke zona izinto ezithethwa ngomlomo, zisuka entliziyweni. Zezo zinto ke ezimenza angcole umntu.
19. Kaloku ziphuma entliziyweni iingcamango ezimbi. Kusentliziyweni apho kuphuma khona ukubulala, ukukrexeza, ubuhenyu, ubusela, ukungqina ubuxoki, nokunyelisa.
20. Zezi zinto ezimenza angcole umntu; kodwa ukutya ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi angcole umntu.”
21. Emkile apho uYesu, waya kummandla waseTire naseSidon.
22. Kwathi thu umKananekazi, evela kuloo mimandla, ekhala esithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, yiba nenceba kum. Intombi yam iphethwe kakubi yindimoni.”
23. Kodwa uYesu akamphendulanga tu. Basondela abafundi bakhe, bambongoza besithi: “Mvumele, kuba nanku ekhwaza emva kwethu.”
24. Waphendula wathi: “Ndithunyelwe kuphela kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.”
25. Weza ke, waqubuda kuye, wathi: “Nkosi, ndincede.”
26. Yena waphendula wathi: “Akufanelekanga ukuba ukutya kuthathwe kubantwana, kunikwe iinjana.”
27. Waphendula yena wathi: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana ziyatya kwimvuthuluka ewayo etafileni yabaninizo.”
28. Ke ngoko uYesu waphendula wathi kuye: “Mfazindini, lukhulu ukholo lwakho. Makwenzeke kuwe ngokomnqweno wakho.” Yaphiliswa ke intombi yakhe kwangelo xesha.
29. Akumka apho, uYesu wafika ngakuLwandle lwaseGalili, wenyuka intaba, wahlala phantsi.