Umatewu 13:28-42 Ibhayibhile (XHO96)

28. Wathi kuzo: ‘Le nto yenziwe lutshaba.’ Zaza izicaka zathi kuye: ‘Ngaba ufuna siye kuluncothula na ukhula?’

29. Kodwa yena wathi: ‘Hayi, hleze kuthi xa nincothula ukhula, nincothule kwanengqolowa.

30. Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: “Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.” ’ ”

31. Wabenzela nomnye umzekeliso uYesu, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokhozo lwembewu yemostade, athe ubani waluthatha, waluhlwayela entsimini yakhe.

32. Ukhozo lwemostade lolona luncinane kunazo zonke iintlobo zembewu, kanti lwakukhula luba lukhulu kunayo yonke imifuno, lube ngumthi omkhulu kangangokuba neentaka zifike, zakhele emasebeni awo.”

33. UYesu wabenzela nomnye umzekeliso, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswaOkanye: “Ubukumkani bezulu bunokufaniswa” negwele awalithathayo umfazi, walixovulela kumgubo ozizitya ezithathu, laza layinyusa intlama.”

34. Zonke ezi zinto uYesu wazithetha kwizihlwele ngemizekeliso. Akathethanga nto kuzo kungengamizekeliso.

35. Ngokwenjenjalo wakuzalisekisa okwathethwayo *ngumshumayeli esithi:“Ndiya kuthetha ngemizekeliso,ndizityhile izinto ezazifihlakele kwasekusekweni kwehlabathi.”

36. Wazindulula ke izihlwele uYesu, wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, bathi: “Khawusicacisele umzekeliso ngokhula olusentsimini.”

37. Waphendula wathi: “Lowo uhlwayela imbewu elungileyo *nguNyana woLuntu.

38. Intsimi le lihlabathi. Yona imbewu elungileyo ngabantu abalawulwa nguThixo. Ke lona ukhula ngabantu bongendawo.

39. Utshaba oluluhlwayelayo ngumtyholi. Ukuvuna kukupheliswa kweli phakade. Abavuni zizithunywa zezulu.

40. Njengoko luqokelelwayo ukhula, lutshiswe, koba njalo ekuphelisweni kweli phakade.

41. UNyana woLuntu wozithuma izithunywa zakhe, zibaqokelele bangabikho apho alawula khona bonke abalahlekisayo, nabo bonke abenza okuchasene nomthetho,

42. zibaphose kwiziko elivutha umlilo, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.

Umatewu 13