1. Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla baza bathi abafundi bakhe belambile, bakha izikhwebu zengqolowa, batya.
2. *AbaFarasi, bekubona oko, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla.”
3. Wathi kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe?
4. Kaloku wangena endlwini kaThixo, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo. Kanti ngokomthetho ezi zonka yena neqela lakhe babengamelwe kuzitya. Ngababingeleli kuphela ababenelo lungelo.
5. Khona, anifundanga na *emthethweni kaMosis okokuba ababingeleli bayawaphula umthetho woMhla wokuPhumla endlwini kaThixo, bangabi natyala noko?
6. Ke ndithi kuni, lo ulapha mkhulu kunendlu.