Umatewu 11:23-30 Ibhayibhile (XHO96)

23. Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. Ukuba yayithe yenzeka eSodom imimangaliso eyenzeke kuwe, ngeyisekho nanamhla.

24. Ewe, ndithi kuni, ngomhla womgwebo koba nokunyamezeleka okweSodom kunokwenu.”

25. Ngelo xesha uYesu wathi: “Ndiyakudumisa, wena Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana.

26. Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe.

27. “Zonke izinto ziphathiswe mna nguBawo; kananjalo akukho bani umaziyo uNyana, ngaphandle koYise, kungekho bani umaziyo uYise ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhilela.

28. “Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.

29. Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu,

30. kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.”

Umatewu 11