Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo. Ukuba yayithe yenzeka eSodom imimangaliso eyenzeke kuwe, ngeyisekho nanamhla.