Umarko 8:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngaloo mihla, xa kwakuhlanganisene isihlwele kwakhona, singenanto sinokuyitya, uYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo:

2. “Ndiyavelana nesi sihlwele, kuba sekuziintsuku ezintathu aba bantu bekunye nam. Ke abasenanto ityiwayo.

3. Ukuba ndiyabandulula bagoduke bengatyanga, bophelelwa endleleni, kuba inxenye yabo ivela kude.”

4. Bamphendula abafundi bakhe besithi: “Kungafumaneka phi apha entlango ukutya okunokubanela aba bantu?”

5. Wababuza ke esithi: “Zingaphi izonka eninazo?”Bathi ke bona: “Zisixhenxe.”

6. UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe ukuba bazabele isihlwele. Benjenjalo ke.

7. Babenazo neentlanzana ezimbalwa. Akuba uYesu ebulele kuThixo, wathi mazabelwe isihlwele nazo.

8. Batya ke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela.

9. UYesu wasindulula ke eso sihlwele esasikumawaka amane abantu;

Umarko 8