8. “Kaloku niwuyekile umyalelo kaThixo, nasuka nagcina isithethe sabantu.”
9. Kwakhona wathi kubo: “Ningamachule ekuwutshitshiseni umyalelo kaThixo, nokuze niphakamise esenu isithethe.
10. Andithi uMosis wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko;’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe’?
11. Kanti ukuba ubani unento angámnceda ngayo uyise nokuba ngunina, aze asuke athi uzimisele ukuyenza umnikelo kuThixo loo nto, nina ngokwesithethe senu nithi
12. akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina.
13. Ngokwenjenjalo nilenza into engento ilizwi likaThixo, nilandele isithethe senu enisifundisayo. Zikho ke nezinye izinto ezininzi ezilolu hlobo enizenzayo.”
14. UYesu wayibizela kuye kwakhona indimbane, wathi: “Phulaphulani nonke, nivisise.
15. Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto eziphuma kuye entliziyweni ngaphakathi ezimngcolisayo. [
16. Ke oneendlebe zokuva makeve.]”
17. Akungena endlwini, evela kwindimbane leyo, abafundi bakhe bambuza intsingiselo yala mazwi.
18. Wathi kubo: “Nikwanje nani na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke akutyayo umntu, akunako ukumngcolisa?
19. Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungena esiswini, kuze kuphume xa aye ngasese.” Ngala mazwi uYesu wayesithi zonke izidlo zihlambulukile.