Umarko 7:12-25 Ibhayibhile (XHO96)

12. akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina.

13. Ngokwenjenjalo nilenza into engento ilizwi likaThixo, nilandele isithethe senu enisifundisayo. Zikho ke nezinye izinto ezininzi ezilolu hlobo enizenzayo.”

14. UYesu wayibizela kuye kwakhona indimbane, wathi: “Phulaphulani nonke, nivisise.

15. Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto eziphuma kuye entliziyweni ngaphakathi ezimngcolisayo. [

16. Ke oneendlebe zokuva makeve.]”

17. Akungena endlwini, evela kwindimbane leyo, abafundi bakhe bambuza intsingiselo yala mazwi.

18. Wathi kubo: “Nikwanje nani na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke akutyayo umntu, akunako ukumngcolisa?

19. Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungena esiswini, kuze kuphume xa aye ngasese.” Ngala mazwi uYesu wayesithi zonke izidlo zihlambulukile.

20. Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo.

21. Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala,

22. ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa.

23. Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”

24. Emkile apho uYesu, waya emideni yaseTire; wangena endlwini, engafuni ukuba kwaziwe ukuba ukho, kodwa akaba nako ukufihlakala.

25. Umfazi othile, ontombazana yayinendimoni, uthe kwangoko akuva ngaye, waya kuye, wazikhahlela ngasezinyaweni zakhe.

Umarko 7