1. *AbaFarasi nabachazi-mthetho abathile bahlanganisana ngakuYesu, bevela eJerusalem,
2. baza babona abathile kubafundi bakhe besitya isonka ngezandla ezinomlaza, ezingahlanjwanga.
3. Kaloku abaFarasi namaJuda onke abatyi bengazihlambanga izandla ngokwesiko, begcine isithethe samanyange.
4. Naxa bevela emarikeni abatyi bengahlambanga. Zikho ke nezinye izinto ezininzi abazamkele ukuba bazigcine, ezinjengokutshizwa kweendebe, neebhekile, nezitya.
5. AbaFarasi nabachazi-mthetho bambuza ke uYesu, besithi: “Kutheni na ukuba abafundi bakho bangenzi ngokwesithethe samanyange, le nto batya isonka ngezandla ezingahlanjwanga?”
6. Wabaphendula esithi: “UIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, bahanahanisindini, njengokuba kubhaliwe kwathiwa:“ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo,kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.
7. ‘Bafumana bendihlonela,kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’
8. “Kaloku niwuyekile umyalelo kaThixo, nasuka nagcina isithethe sabantu.”
9. Kwakhona wathi kubo: “Ningamachule ekuwutshitshiseni umyalelo kaThixo, nokuze niphakamise esenu isithethe.