Umarko 5:30-41 Ibhayibhile (XHO96)

30. Ngoko nangoko uYesu waqonda ukuba kukho amandla aphumileyo kuye, wabheka ngasemva esendimbaneni apho, wathi: “Ngubani lo uchukumise ingubo yam?”

31. Abafundi bakhe bathi kuye: “Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, ungáthini ke ukuthi: ‘Ngubani lo undichukumisileyo?’ ”

32. Noko yena wasinga-singa ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto.

33. Uthe ke umfazi lowo, ekuqondile okwenzeke kuye, weza esoyika, engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, wamxelela inyaniso yonke.

34. UYesu wathi kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uphile kweso sifo sakho.”

35. Kwathi uYesu esathetha, kwafika abakulogosa lendlu yesikhungo, besithi: “Intombi yakho ibhubhile; usamkhathazelani na uMfundisi?”

36. UYesu yena, eyivile loo nto, wathi kwigosa lendlu yesikhungo: “Musa ukoyika; kuphela kholwa wena.”

37. Ke akavumela mntu ukuba ahambe naye, ngaphandle koPetros noYakobi noYohane, umninawe kaYakobi.

38. Bafika ke emzini wegosa lendlu yesikhungo, waza uYesu wasibona isiphithi-phithi sabalilayo nabenza isijwili esikhulu.

39. Akungena, wathi kubo: “Yini na ukuba nenjenje ukuphithizela nokulila? Akafanga umntwana; ulele.”

40. Basuka bamwa ngentsini. Wabakhuphela phandle ke bonke, wathatha uyise womntwana nonina, nâbo bafundi babenaye, wangena apho wayekhona umntwana.

41. UYesu ke wambamba ngesandla umntwana, wathi kuye: “Talita, kum;” oko kukuthi: “Ntombazana, vuka!”

Umarko 5