30. Ngoko nangoko uYesu waqonda ukuba kukho amandla aphumileyo kuye, wabheka ngasemva esendimbaneni apho, wathi: “Ngubani lo uchukumise ingubo yam?”
31. Abafundi bakhe bathi kuye: “Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, ungáthini ke ukuthi: ‘Ngubani lo undichukumisileyo?’ ”
32. Noko yena wasinga-singa ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto.
33. Uthe ke umfazi lowo, ekuqondile okwenzeke kuye, weza esoyika, engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, wamxelela inyaniso yonke.
34. UYesu wathi kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uphile kweso sifo sakho.”
35. Kwathi uYesu esathetha, kwafika abakulogosa lendlu yesikhungo, besithi: “Intombi yakho ibhubhile; usamkhathazelani na uMfundisi?”
36. UYesu yena, eyivile loo nto, wathi kwigosa lendlu yesikhungo: “Musa ukoyika; kuphela kholwa wena.”
37. Ke akavumela mntu ukuba ahambe naye, ngaphandle koPetros noYakobi noYohane, umninawe kaYakobi.
38. Bafika ke emzini wegosa lendlu yesikhungo, waza uYesu wasibona isiphithi-phithi sabalilayo nabenza isijwili esikhulu.
39. Akungena, wathi kubo: “Yini na ukuba nenjenje ukuphithizela nokulila? Akafanga umntwana; ulele.”
40. Basuka bamwa ngentsini. Wabakhuphela phandle ke bonke, wathatha uyise womntwana nonina, nâbo bafundi babenaye, wangena apho wayekhona umntwana.
41. UYesu ke wambamba ngesandla umntwana, wathi kuye: “Talita, kum;” oko kukuthi: “Ntombazana, vuka!”