Umarko 12:33-41 Ibhayibhile (XHO96)

33. nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.”

34. UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye: “Akukude wena ekulawulweni nguThixo.” Emva koko akwaba sabakho mntu unobuganga bakumbuza nto.

35. Efundisa *endlwini kaThixo uYesu, wabuza esithi: “Batsho ngani na abachazi-mthetho ukuthi: ‘UKrestu ngunyana kaDavide’?

36. Kaloku uDavide ngokwakhe, ekhokelwa nguMoya oyiNgcwele, wathi:“ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wongalo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’

37. “Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini na ke ukuba ngunyana wakhe?”Yamphulaphula ngomdla loo ndimbane yabantu.

38. Ekusifundiseni kwakhe uYesu isihlwele wayesithi: “Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo kwiindawo zembutho,

39. befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni.

40. Abo bayiphangayo imizi nemfuyo yabahlolokazi, baze bazenzise besitsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”

41. UYesu waya kuhlala phantsi *endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali, wasibukela isihlwele sifaka imali kwisikhongozeli apho. Izityebi ezininzi zazinikela kakhulu.

Umarko 12